10.07.2015 Views

Izikhokelo zoKhuseleko zeeKlabhu zokuFunda - Nal'ibali

Izikhokelo zoKhuseleko zeeKlabhu zokuFunda - Nal'ibali

Izikhokelo zoKhuseleko zeeKlabhu zokuFunda - Nal'ibali

SHOW MORE
SHOW LESS

Create successful ePaper yourself

Turn your PDF publications into a flip-book with our unique Google optimized e-Paper software.

Izikhokelo zoKhuseleko zeeKlabhu zokuFundaIklabhu yokuFunda nokuba incinci okanye inkulu, kufuneka ibe yindawo ekhuselekileyo ukulungiselelaabantwana abazimase iiseshoni zeklabhu namavolontiya neendwendwe. Nazi ezinye zezikhokelo ezizakukunceda ukuba ube neKlabhu yokuFunda eyenza konke okusemandleni ukukhusela bonkeabachaphazelekayo.1) Indawo• Qinisekisa ukuba indawo leyo ikhuselekile yaye ibalungele abantwana. Umzekelo, makungabikho zintozinetyhefu, izixhobo ezinobungozi oknye iintambo ezivelileyo abantwana abanokufikelela kuzo.• Izindlu zangasese kufuneka zicoceke yaye iphepha lendlu yangasese malisoloko likhona kwiseshoninganye kunye nesephu namanzi okuhlamba izandla.• Wonke umntu kufuneka akwazi ukufumana amanzi alungiswe ngaloo mini kwiseshoni nganye.2) Iimvume nokuNgabi Nabutyala kweKlabhuKufuneka kufunyanwe imvume ebhaliweyo yomzali okanye lowo unakekela umntwana lowo:• Ukuqinisekisa ukuba abantwana bangaya kuzimasa iiseshoni zeKlabhu yokuFunda. Le fomukufuneka ifake amaxesha eqhuba ngawo iklabhu (ukuba iseshoni iqala nini ze iphele nini), usukulweveki edibana ngalo iKlabhu yokuFunda kunye nenombolo yonxibelelwano yomququzelelikunye neyomzali ukuze akwazi ukufumaneka xa kukho ingxaki.• Xa iKlabhu yokuFunda ineziganeko ezithile, ukuvela kwiifofo neevidiyo zeKlabhu yokuFunda, naxakuphunywa kusiyiwa ezindaweni, njalo njalo.Qinisekisa ukuba abazali/abanakekeli bayazi ukuba:• Luxanduva lwabo ukuhambisa abantwana ukubasa nokubabuyisa kwiKlabhu yokuFunda.• Luxanduva lwabo ukuchazela abaququzeleleli okanye amavolontiya eKlabhu yokuFunda malunganezinto iimpilo zabantwana ezingahlangani nazo, izigulo abanazo (isifuba, ukuxhuzula, njl njl) .• Abantwana abangatyikityelwanga iifomu zokungafaki iklabhu ebutyaleni xa kunokwenzeka nantonina, abanakuhamba xa kuhanjwa.• Abantwana abancinci kakhulu mabakhatshwe ngabantwana bakumawabo okanye ngabanakekelibabo.• Noxa abaququzeleli namavolontiya beya kwenza konke abanakho ukunceda abantwana ukubabafike ze bahambe bekhuselekile, uxanduva lwabo lokukhusela abantwana luphelela payakwiKlabhu yokuFunda. Luxandua lomzali okanye umnakekeli ukuqinisekisa ukuba umntwana uyayakwiiseshoni zeKlabhu yokuFunda yaye intatho-nxaxheba yabazali iyakhuthazwa.

3) Izinto ezineXabiso neMali• Makungabikho mntu onika omnye imali phakathi kwabantwana namavolontiya kunye namavolontiyanabantwana, kunye naphakathi kwabantwana bebodwa yokungena okanye yezisusa zeKlabhuyoKuFunda.• IKlabhuyokuFunda ayisayi kuba nabutyala ngezinto ezilahlekileyo okanye ezibiweyo ngexeshaleeseshoni zayo.4) Imiba yoKhuseleko Gabalala neNtlalontle• Qinisekisa ukuba uyazi ukba ngubani ozimasa iseshoni nganye; gcina irejista yabantwana bonkeabeze kwiseshoni nganye.• Vala (okanye utshixe) iigeyithi/amacango emva kokuba iseshoni iqalile, ngexesha ekuvunyelwenengalo ukunqanda ukuba kungangeni abantu eningabaziyo.• Qinisekisa ukuba zonke izixhobo zikhuselekile.• Ungaze ushiye abantwana kungekho mntu mdala ubagadileyo.• Umntu omdala othenjiweyo okanye umntwana omdala makase abantwana abancinci kwindluyangasese, ze abancedise ukuba kukho imfuneko.• Ukuba ngaba iseshoni iqhuba de kudlule iyure, nika abantwana intwanana yokutya.• Qaphela abantwana abasenokuba abeva okanye ababoni kakuhle ze wazise abazali babo ukubangaba ucingela ukuba kufuneka ukuba baye kuvavanyelwa ukumamela okanye amehlo.5) Uncedo lokuQala• Hlala unekiti enento yonke yoncedo lokuqala kwindawo ekubanjelwa kuyo iiseshoni. Ubuncinanemakubekho umntu omnye oyaziyo ukuba iphi na, yintoni na ekuyo yaye isetyenziswa njani na.• Xhoma iinkcukacha zamvanje zenkonzo zikaxakeka zengingqi.• Gcina uludwe lwabantwana abangadibani nezinto ezithile nabanezigulo ezithile (isifuba,ukuxhuzula,njl njl) kunye neenombolo zonxibelelwano zabazali/abanakekeli babo.• Makungalindeleki ukuba amavolontiya aselise abantwana amayeza.6) Amavolontiya• Dibana namavolontiya amatsha phambi kokuba eze kwiiSeshoni zokuFunda ukufumanisa malunganabo ze uvavanye amava abo kunye nomdla wabo.• Thatha amavolontiya amatsha xa ucetyiswe ngabanye ukuba wenze njalo naxa ufumene ulwazilokuthembeka kwabo kubahlali abathembekileyo.• Wafundise ze uwaxhaseamavolontiya amatsha de uqinisekise ukuba ukuba ayakwaziukusebenzisana nabantwana ngendlela eyiyo.• Amavolontiya amatsha makasebenze nalawo sele enamava de aqheleukuzisebenzela ewodwa.

Amavolontiya kufuneka :• Amkele imigaqo yeKlabhu• Abe ngawokuqala ukufika nabokugqibela ukumka.7) Ingqeqesho• IiKlabhu zokuFunda zisebenzisa indlela yokuziphatha a apho kukhuthazwa ukuziphatha kakuhlenalapho zona zibonisa indlela yokuziphatha. Abantwana nabantu abadala baya ngokuzithandelakwiiseshoni yaye kulindeleke ukuba bahloniphane yaye bakhathalelane.• Iiklabhu zokuFunda aziyinyamezeli into yokubethana nokuphatha abanye kakubi kumavolontiyanakubantwana. Akukho mntwana uya kuqeqeshwa ngokuthi abethwe.• Ukuba abantwana okanye amavolontiya akaziphathi kakuhle wagxothe.(Ukuba ubona kufanelekile ukuba bangaphinde babuye, yithi mababuye ngenye imini). Lolona lulekolungqongqo silusebenzisayo olu kwiiKlabhu zokuFunda.8) IindwendweZamkele iindwendwe ezifuna ukwazi malunga nokusebenza kweeKlabhu zokuFunda kodwa zicele ukubazithobele oku kulandelayo:• Mazichazele abaququzeleli beKlabhu yokuFunda kwangethuba malunga notyelelo lwazo• Maziyazi imigaqo yeKlabhu yaye ziyithobele.• Cela imvume yokusebenzisa iifoto neevidiyo zabo.• IIklabhu zokuFunda azinakuba natyala ngokulahleka okanye ukubiwa kwezinto zabo zexabiso.

Hooray! Your file is uploaded and ready to be published.

Saved successfully!

Ooh no, something went wrong!